6:19 |
Ndithetha ngokwabantu ngenxa yobulwelwe benyama yenu. kuba, njengokuba naninikela ngamalungu omzimba wenu ukuba akhonze ukungcola nokuchasa umthetho;, ngenxa yobugwenxa, kwangokunjalo nani ke nizinikele nina ngamalungu omzimba, ukuba nisebenze ubulungisa, ngenxa yokungcwaliswa. |
6:20 |
Kuba, nakuba benifudula ningabakhonzi besono;, nisuke naba ngabantwana bobulungisa. |
6:21 |
Kodwa wawuphethe siqhamo sini na ngelo xesha, kwezo zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa. |
6:22 |
Kodwa ngokwenene, nikhululwe nje esonweni, benziwe abakhonzi bakaThixo, nisibambe isiqhamo senu ebungcwaliseni, Isiphelo ke bubomi obungunaphakade. |
6:23 |
Kuba umvuzo wesono kukufa. Ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu. |
Leave a Reply
Kufuneka ube ungene ukuthumela uluvo.